Izikomfund’ Enomsila I-SANTS
April 15, 2024

SANTS-Private Higher Institution

Unguvimba kwabo banxanel’ ulwazi!                          

You are the oasis in the desert for those parched for knowledge!

Ungumthombo kwabo bafun’ ulwazi,

You are the flowing stream for those who thirst for knowledge.

Baqongqoloz’ ulwaz’ oomangxalubuchopho kuwe!

The teachers are sipping from your fountain of knowledge!

Kolo lwazi lutsaz’ okwegazi lemvana.

That knowledge trickles like the lifeblood of a lamb.   

Belolelwa ukuqingq’ iinkokheli zangomso.

They are moulded to mould the leaders of tomorrow.

 

Utshatshel’ ekuxonxen’ oomangxalubuchopho!

You are famed for crafting the torchbearers of knowledge!

Izakhiwo zakho zisithel’ emehlwen’ enyama.

Your structures dwell in invisibility.

Utsawul’ unik’ imfund’ ungabonwa.

You excel and teach from the shadows.

Owakh’ umphehlul’ utshiva namagqagala!

Your influence nourishes the villages!

Ungumangqanga ngqang’uyaziwa jikelele!

Your renown spreads like wildfire across the land.

 

Utyhulub’ amagqagal’ ezilalin’ udlulis’ ulwazi.

You wander through the hamlets, bestowing wisdom.

Utyhuluba ngobuxhakaxhala bale mihla.

Navigating through the digital realm.

Wonk’ umfundi uyafikelela kuwe.

You are within reach of the students.

Usisigidim’ esiphal’ ubusuku nemini.

You are a relentless midnight wind.

Unkcenkceshel’ ezo ngqondo zomlisela nomthinjana.

You cultivate knowledge in minds.

 

Usisitshixo kumarhiwa aluhlaza.

You are the gateway to brighter opportunities.

Bahamba ngezincincizayo abafundi bakho!

Your proteges are cruising in opulent vehicles.

Uvul’ amathub’ engqesho kwintswela ngqesho!

You a beacon of hope in the shadow of unemployment.

Ngaloo mfund’ inomsila ivunyiweyo.

Through your esteemed educational offerings.

Uchil’ ikat’ eziko kwabo baphila ngeenqoba.

You are a beacon of light in the darkness of poverty.

Ngxingxilili!